







Sincokole noTerror emzini wakhe -owawufudula uyi-4-room yaza yaphuculwa yandiswa ngemali ayifumana kumlo wakhe noTae Shik - okwilokishi yaseMohlakeng eRandfontein.
Ubebonakala ukuba unesithukuthezi -ubegqiba kufunda imagazini ebiphezu kwetafile - kodwa ekhangeleka ephilile kunento ebesiyilindele endodeni esoloko isesirhoxweni.
Emzimbeni ukhangeleka ephile qete uMathebula. Akabonakali engumntu ongaboni kakuhle okanye inxila elingazi nokuba lifanele lenze ntoni. UTerror usengutata wekhaya njengoko enabantwana abathathu (omdala kubo, uPatrick, uyimbethi-manqindi). Ekuphela kwento ebuhlungu kuye kukuba akafumani msebenzi njengomntu wonke.
Kungoku nje nditsala nzima. Kodwa ke andithethi kuthi andiwi ndivuka njengendoda. Ndiyakwazi ukulungisa izinto, ngoko xa kukho ogqajukelwe ngumbhobho wamanzi ndiyawulungisa. Ndizifundise nokulungisa zonke izinto ezonakeleyo. Abantu bayandihlawula ngemisetyenzana endibenzela yona, kanti ndiyazilungisela nezinto ezonakeleyo kwam.
Ngaphandle koko, uTerror uthi nguye ongumthunywa wosapho. Uya ezivenkileni ayothenga okanye ayolanda izinto ezifunwa ngamalungu osapho.
Xa umkam kukho into ayifuna edolophini, okanye omnye wabantwana bam ufuna okuthile okanye akaphilanga, ndim endibaleka ndimyele apho, utsho.
Nangona engasazibandakanyi namanqindi, usazikhumbula iimini zokuduma kwakhe xa wenza uMzantsiAfrika waneqhayiya.
Nokuba abantu bangathini na, kodwa ndiya kuhlala ndiyimbethi-manqindi yokuqala eyabonisa nabani na unokuba yintshatsheli yehlabathi. Mna ndaba yiyo, ndaba ndavulela nezinye. Ndalibonisa ihlabathi ukuba uMzantsi-Afrika unazo iimbethi-manqindi ezomeleleyo nezinesiphiwo.. .Jonga okwenzeka kule minyaka - sineentshatsheli eziliqela zehlabathi.
UTerror uyayigxeka into yokuba ilokishi yaseMohlakeng ingabi nezinto zokuziqeqesha ukuze kuveliswe iintshatsheli ezinjengaye.
Kukho amakhwenkwe anomdla emanqindini apha, kodwa iziintloni indawo aziqeqesha kuyo yaye incinane. Ndiyakunqwenela ukuqeqesha amakhwenkwe aselula emanqindini, qha ndibethwa kukuba ndingawaqeqeshela phi?
Enye into angayithandiyo ngumlo wakutshanje phakathi konyana wakhe, uPatrick, negqala elilwe kwimilo ehlawulelwayo engaphezu kwama-40, uDavid Potsane. Yinto eyabonwa nanguthathatha ukuba uPatrick akayontanga kaPotsane, yaye kunokwenzeka akhe athi xha emanqindini ixesha elide.
Abamkhulisi kakuhle unyana wam kulo mdlalo. Ndandifuna ukumnqanda angalwi
UBIZA
UBAYI'JIM'
UPETER
MATHEBULA
Xa ndandisiya kulwa noTae Shik Kim, NDANDIMKHULU ndingaka -kwanyanzeleka ukuba ndizinciphise ngokukhawuleza.


kuloo mlo, kodwa ndabona ukuba sebemqinisekise ngokuba kuza kubalula. Kwacaca kuloo mlo ukuba kuthelekiswe iimbethi-manqindi ezingalinganiyo. Kanti ke bendingathandi unyana wam afele emanqindini.
Kucacile ukuba uTerror usawathanda amanqindi, yaye ufuna iphuculwe imeko yawo.
EMerika imidlalo iqala ukufundiswa esikolweni, nokuba ngamanqindi, ibasketball okanye ukubaleka. Nakweli sifanele siqhube ngolo hlobo, nezikolo zifanele zibe nabaqeqeshi bayo yonke imidlalo. Ngokomzekelo, ndinokuqeshwa sisikolo ndibe ngumqeqeshi waso wamanqindi. lzikolo zinokwenza iitumente zengingqi nezephondo, kwenziwe neetumente zeentshatsheli zelizwe. Ngolo hlobo singazakhela iintshatsheli zethu zeminyaka ezayo.
Nangona evuma ukuba unengxaki yokusel' utywala, uMathebula uthi abantu belokishi yakhe basamhlonela ngokuba yintshatsheli kwakhe.
Ndisamenywa emathekweni amakhulu, yaye ndisoloko ndisaziswa ebantwini njengowayefudula eyimbethi-manqindi ephambili nentshatsheli yehlabathi yokuqala eNtsundu eMzantsi-Afrika.
Uyazi mna, ndikhe ndisuke apha ekhaya ndingenayo nesenti emdaka epokothweni ndize ndibuye ndishushu. Ndiya emathekweni ndize ndinikwe ibhotile yam ndedwa ngoxa abanye abantu bedityaniswa kwibhotile enye.
Kodwa ke kuTerror okwagqithayo kwagqitha. Wayeyimbethi-manqindi ephambili, ngoku akasebenzi. Ndazenzela igama, kodwa oko kwagqitha. Andikhalazi ngalo nto. 





















































Sithe sakufumanisa ukuba abakwaStems babhiyozela ukugqiba i-100 Ieminyaka ngonyak omnye iBona igqiba ama-40 eminyaka, sabona ukuba abafundi beBona nabathengi bakwaSterns kufuneka babe neli thuba lokuthelela kule mibhiyozo.

AbakwaSterns bathande ukutyala imali kwiziphiwo zolutsha Iwethu, baze bazalisekisa iminqweno yoselula onesiphiwo sokuyila.

Khawufan ucinge nje indlela esavuya ngayo sakufumana amawaka-waka amangenelo avela kumlisela nomthinjana kuwo wonke eMzantsi-Afrika, nto Ieyo ibonisa ukuba baninzi abantu abaneziphiwo kulo Mzantsi-Afrika omtsha!
bezihombo baza abakwaSterns neefektri zabo bakhetha abaphumeleleyo abane abaye bafikelela kumanqam. Bonke aba bane bekungabafana - besiba ngamagqiyazana kuphela athanda izihombol

Abaphumeleleyo baye basiwa eGauteng, banikwa ithuba lokugqibela lokuthumela okunye abaku-yilileyo kwesihombo.

Ngamnye ophumeleleyo ufumene ivawutsha esisipho yakwaSterns neli-R1 000 kuMphathi wezeNtengiso wakwaSterns, ukathryn Sakalis, xa
bekubhiyoze- lwa ama-40 eminyaka iBona ikho.

Oye wabagqwesa bonke uHenry Segone, sithetha nje ufunda kwiJewellery Design Department epretoria Technikon, izifundo zakhe ziya kuhlawulwa ngabakwasterns. lPretoria Technikon enabafundi abathumele okuzotyiweyo okuhle nokusemgangathweni iyavuya kuba ibifuna uHenry afunde lukhulu kuba engomnye wabafundi abathe- mbisayo kule Teknikon.

Uqhube kakuhle Henry ENKOSI Sterns ngeli thuba lihle lokuqonda nokuwonga isiphiwo sabayili bethu abaselula.

Fundani iBona ngo-1997 - siye sathelwa thsuphe ngokuba abakwaSterns baseza kufuna abanye abayili abaneziphiwo ezihle.

















Iindaba Zolutsha
Umbhali wethu wale nyanga nguNozipho Nguse waseMbali Township ePietermaritzburg KwaZulu-Natal. UNozipho ube nempumelelo enkulu kwimidlalo yeqonga nasemculweni, waqala ngokudlala kwi- Sarafina
walandellsa ngokucula yedwa umculo wevangeli Kungoku nje
uxakekile estudiyo ushicilela icwecwe Iakhe lesibini. Umxholo wale
nyanga uthi: lndlela yokumelana nezolonwabo.

ANDIFUNI kugwegweda, ndifuna ukungen'
emxholweni xa ndiza kuthetha ngolutsha olunomdla wokuzibandakanya nezolonwabo. Ngokubona kwam isingathi ngesizisebenzisa ngokufanelekileyo izipho esiziphiwe nguThixo.
Ndazibandakanya nezolonwabo ngexesha elibi kakhulu. Mna nabanye abatsha saba zizisulu zokuxhatshazwa. Kwakusisonka semihla ngemihla, kodwa ke sasinda.
Eyona nto ifunekayo xa ufuna udumo nozuko
sisiphiwo. Kwakhona nokuziphatha kubalulekile
ukuze ube nempumelelo.
Kuninzi okulumcelo-mngeni nokuyimiqobo enokudala ukuba amathuba okufikelela enkcochoyini abe mfiliba. Ukusetyenziswa ngokwesondo kuyingxaki kodwa ungaze uvume ukunikela ngomzimba wakho kuba ufuna ukukhuphisana ngesiphiwo onaso nabanye abaneziphiwo kwezinye izinto.
Maninzi amathuba emculweni, xa unelizwi nesiphiwo. Kusoloko kukho amathuba avuleleke wena ukuba uwasebenzise.
Thina lutsha lufikayo kwezolonwabo sizifumanisa singakwazi emasikwenze. Uninzi lwethu asibahlanga kodwa sibabalwe ngeziphiwo nangamazwi amyoli.
Mna ndinicebisa ukuba nenze konke
okusemandleni. Liyanifuna eli lizwe, lilonke
icekwa lisele nani - Kungani ke!





60 BONA XHOSA-December 1996


IUlutsha IwaseBrakpan Lube
Nendibano Nosodolophu
Walo
kubalisa uBONGANI HLATSHWAYO
kufote uLUCKY NXUMALO



















Usodolophu waseBrakpan, uLesiba Elias Phiri, mvanje wenze okungazange kucingwe xa eba nendibano nolutsha kwiofisi yakhe, ngeenzame zokumanya ulutsha lwaseBrakpan.







B
 EKUBANG 'umdla ukubona ulutsha luhleli ngathi ziikhansela kwiOfisi kaSodolophu, longanyelwe ngusodolophu walo, uLesiba Elias Phiri.
Lube nenyhweba yobukho bomfundi waseKhanada okwiRotary Youth Exchange, uDean Michael Jorgerisen, naye oye wavakalisa iimbono zakhe kwimiba eyahlukeneyo eye yaxutyushwa kule ndibano.
Emva kweengxoxo kuye kwagqitywa ekubeni ulutsha kufuneka Iusungule iinkqubo eziya kukhusela zilondoloze ezendalo eBrakpan.
Kuye kwagqitywa nasekubeni iindibano zeenkcubeko zeentlanga ezahlukeneyo kufuneka zibekho rhoqo ukuze kumanywe uluntu IwaseBrakpan.
Kumba wokusetyenziswa kakubi kweziyobisi ulutsha luvumile ukuba le ngxaki ikulo ikakhulu. Phofu ke, lubonile ukuba xa kukho iindibano ezininzi ulutsha luya kuvuma ukuba lungamakhoboka eziyobisi luze
Usodolophu waseBrakpan, uKhansela Lesiba EIias Phiri, nomfundi weRotary, uDean Michael Jorgenson, kunye nolutsha obeluye kwindibano ebikwiOfisi
yoSodolophu
waseBrakpan.




























Ungaphazama uthi luziikhanse!a ezikwindibano, kanti akunjalo, lulutsha oluxubusha imiba eluchaphazelayo.



lubone imfuneko yokuba lukhe lurhoxe kuzo.
Malunga nemfundo ngesondo, lubone ukuba abazali balo bayakonqena ukufundisa ulutsha ulwazi Iwabo ngalo mba. Ulutsha lubone ukuba ukunyuka kwenani lamantombazana akhulelwayo kubangelwa yinkolelo yokuba: into uyifunda ngokuyilinga - oko ke
kwenza balinge ngeziqu zaba, ze benze iimpazamo ezinkulu.
Abanye bacebise ukuba kuhle uhlanga ngalunye luphonononge ngokutsha izithethe zalo malunga nemfundo ngesondo. Ngokomzekelo, ulwaluko, luyinxalenye yemfundo ngesondo kwinkcubeko yakwaNtu.
Ekuqukumbeleni uSodolophu uphiri unikele ngesipho kumfundi waseKhanada, uDean Michael Jorgenson, egameni lolutsha IwaseBrakpan.



58 BONA XHOSA - December 1996

lqela labagwebi iikhethe ama-50 abayiliUKathryn Sakalis, uMphathi weNtengiso kwaslerns, evuyisana noHensy Segone ophumelele iYoung Designer Dream-Maker Competft!on.

		BONA XHOSA - December 1996 59

